Zisixhenx’ iSakramente

Zisixhenx’ iSakramente
zidaliwe nguMsindisi
yimithombo yosindiso
hamb’ ukh’ ufefe kuyo.

Umphefumlo uyahlanjwa
ngamanzi omphehlelelo
ungeniswa eBandleni
kul’ usapho lukaThixo.

Ngomqinis’ uyomelezwa
uzoyise zonk’ iintshaba
uzuvum’ ukholo lwakho
ungoyik’ iintshutshiso.

Ngokwamkel’ uMthendeleko
samkela uYesu kanye
ukukutya okumnandi
uqabula iintliziyo.

Xa sithe sawa esonweni
waza wafa umphefumlo
siphilisa ngoxolelo
yimfihlelo yenguquko.

Xa mKRistu agulayo
ebuhlungu enexhala
uthanjiswa ngabaPriste
az’ onwabe umphefumlo.

Ubupriste buyaphatha
amakholwa eBandleni
bufundisa bungcwalisa
egameni likaKristu.

Ukuphel’ umtshat’ ongcwele
ungcwalis’ uluntu wona
abamanywa nguSomandla
bamanyiwe naphakade.

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out / Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out / Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out / Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out / Change )

Connecting to %s