Bawo wethu
Bawo weth’ osezulwini
UyiNkosi emhlabeni
kuyalawulwa nguwe konke
singabakho thina sonke
malaziw’ igama lakho
maliphathwe ngobungcwele
mawubongwe ngumntu wonke
wena Mdali weento zonke.
Mabuz’ ubukhosi bakho
luze kukh’ ufefe lwakho
singenwe or lulo sonke
size kukhonze ngalo
mayenziw’ intando yakho
kuwo wonk’umhlaba wakho
mayenziw e sithi sonke
kwanjengabezulu bonke.
Mphi wazo zonk’ izinto
siphe namhl’ isonka sethu
Siph’ isonka semizimba
siph’ isonka somphefumlo
sixolel’ ityala lethu
nazo zonk’ izono zethu
sixolele ngoko nathi
sixolel’ abanye ngako.
Zusigcine, Bawo wethu
Sikhulule kusathana
zusilondoloze Bawo
engozini yobubomi
Uzuko kuwe ngamandla onke
ngoku namaxesha onke
Amen, siyathemba kuwe
ngoku namaxesha onke.