Ndiyamthanda osemthini
Ndiyamthanda osemthini
ndiyamthand’uYesu wam
obethelwe ngenxa yam
ndiyamthand’ yena yedwa
andithandi okomhlaba
neziyolo ezilizwe
osemthini ndiyamthanda
ndiyamthand’uYesu wam.
Ndiyamthanda osemthini
ndiyamthand ‘ uYesu ngoku
ndakumthanda nanini na
ngalo lonk’ ixesha lam
andinalo uloyiko
xa andisingathileyo
osemthini ndiyamthanda
ndiyamthand’ uYesu wam.
Osemthini ndiyamthand
ndakufuna yena yedwa
ndilandel’ ubizo lwakhe
ndibathand’ abantu bonke:
naxa bona bendidela
ndibathande kwanjengaye
osemthini ndiyamthanda
ndiyamthand’uYesu wam.