Sinelizwi likaThixo
Sinelizwi likaThixo
sinobom ngalo
siyazaz’izono zethu
noMsindisi ngalo.
Lihambile elo lizwi
lisahamba lona
ezo zizwe ezi kude
zilindele lona.
Ziyoyisw’ iintshaba zakho
ngezwi lakho Nkosi
wozalis’ umhlaba wonke
ngezwi lakho Nkosi.
Iimilambo yelizwe
yovuyiswa ngalo
abantwana bezi zizwe
botyetyiswa ngalo.
Zakuphel’ iimfazwe zonke
Ngezwi lakho,Thixo
Kwakulawul’uxolo lodwa
Ngezwi lakho,Thixo.
Bonk’ abantu beli lizwe
Bovuyiswa ngalo
Nabantwana bezi zizwe
bolulekwa ngalo.