Zonk’ iilwimi

Zonk’ iilwimi zamakholwa
mazincom’ iSakramente
akhoyo kuy’ uMsindisi
owahlatywa ngenxa yethu
waphalaz’ igazi lakhe
ebonis’ uthando kwakhe.

Weza ngaye uMariya
owamzala ngobunyulu
wahamba ke emhlabeni
ehlwayel’ ilizwi lakhe
wabuncam’ ubomi bakhe
ngokumangalisayo.

Kwisidlo sokugqibela
wayehleli nabanyulwa
wadl’ idini lePasika
ngokugcin’ umthetho omtsha
wazinika Abafundi
ngazw’ izandla zakhe.

Izwi layinyama nyhani
ngezwi waguqul’isonka
sangumzimba ophilayo
kwanewayine yaligazi
Sifundiswa oku ngezwi
elivela kuy’uThixo.

Leave a Reply

Siyaqubuda

16/08/2017