Hosana enyangweni
Hosana enyangweni, ndivuma ngezwi lam,
kuNyana ka Davide ozayo ngenxa yam.
Hosana undisiza ebunzimeni bam,
uyeza akabizwa ongu Msindisi wam.
Sizalelw’ uMsindisi ngokuzolileyo,
eBhetelehem kwa Yuda wenziwa waba ngumntu.
Wenjenje ukuthanda uThix’ ihlabathi,
wa-mncam’ uNyana wakhe kuphel’ kwamzeleyo.
Zithoben’ emkhombeni aph’ alele khona,
owengcambu ka Davide, oyiNkosi yethu.
Sive sikuculela, wamkel’ umbongo wethu;
akukho ndaw’ilunge njengokuba nawe.
Ngokuthanda aboni, waba ngumntwanana;
Yesu senze ke sonke, msulwa, sithembeke.
Washiy’izul’ elihle kuze uz’ emhlabeni;
ngo- ku sikunikela iintliziyo zethu.