Kukh’ iindlela izimbini

Kukh’ iindlela ezimbini, ekuhanjwa ngazo apha.  
Enye iya ekufeni, enye iya ebomini.

Leyo iya ekufeniigudile intle kambe;
iyahanjwa ngabaninzi, Besenziwa kuyithanda.

Bephikele leyo ndlela ngobudenge nokungazi,  
boda balahleke mpela baphelelwe nalithemba.

Enye incinane yona, inamatye, inameva;
seyihanjwa ngabambalwa, ngenxa yobunzima bayo.

Kanti iba mnandi noko, kwabo bayiqhelileyo;  
kuba iya ekhayeni, elo balinqwenelayo.

lya ebungcwaliseni.  lya ekukhazimleni.  
lya kuMkhululi wabo.  Iya eNkosini yabo.

Manizame leyo ndlela, nakuba inzima njalo;  
kuba isa kuy’ uThixo  nakubantu bethu bonke.

Izulu lilikhaya

06/08/2026

Kukho abo bazidlayo

06/08/2026