Kukho abo bazidlayo
Kukho abo bazidlayo ngab’ ubuhle babo.
Kukho nabakratshileyo ngobutyebi babo.
Kodwa, kodwa ekufeni bona bonke bayafana,
omncinane kwanomkhulu bayatshona engcwabeni.
Kukho abadumileyo ngal’ ulwazi Iwabo.
Kukho nabazingcileyo ngokhalipho Iwabo.
Kodwa, kodwa ekufeni bona bonke bayafana.
Omncinane kwanomkhulu bathi shwaka engcwabeni.
Kukho abadeliweyo ngenxa yobuhlwempu.
Kukho abazintlekisa ngenxa yobungcwele.
Kodwa, kodwa ekufeni bona bonke bayafana
Omncinane kwanomkhulu bayabola engcwabeni.
Kanti noko ezo ntlobo ziyatshona, zithi shwa- ka;
azifani ngokwenene ngomhla wokugwetywa kwazo.
Ubutyebi nab’ ubuhle nobuhlwempu buphelile.
Ke, uthando nokulunga kusoloko kumi njalo.
Zonk’ izinto zalo mhlaba sizibolekiwe nguye.
Zonk’ izinto esinazo zilungiselel’ ikamva.
Yesu, Nkosi yosindiso, ndifundis’ iindlela zakho,
ize xana ndibhubhayo ndibe nawe ezuIwini.