Ngenxa yokuvuka kwakho
Ngenxa yokuvuka kwakho, ngaloo min’inkulu kanye;
ngenxa yolo zuko Iwakho lokuphu- ma engcwabeni,
Nkosi Krestu, khawusive, sibonis’ uyolo Iwakho;
Nkosi Krestu, siyacela, sikelela abantu, sikelel’ abantu bakho.
Bonani ke la manxeba, akhazimla njengelanga.
Nants’ intloko, nang’ umzimba, zonk’ iintlungu ziphelile.
Nkosi Krestu, khawusive, sibonis’ uyolo Iwakho;
Nkosi Krestu, siyacela, sikelela abantu, sikelel’ abantu bakho.
Intliziyo yakho. Nkosi, iyaphila, inoyolo,
kuba ukufeze konke ufumen’ umvuzo wakho.
Nkosi Krestu, khawusive, sibonis’ uyolo Iwakho;
Nkosi Krestu, siyacela, sikelela abantu, sikelel’ abantu bakho.
Waba noyol’ olukhulu uVirigo onguNyoko,
wakuzibonisa kuye, unobuqaqawuli bonke.