Vuthelani ixilongo
Vuthelani ixilongo,
nina bantu bakhe;
ixilongo lezwi lakhe,
lihlokomiseni.
Vuthelani ixilongo,
nina bantu bakhe;
leyo nqwelo yezwi lakhe,
mayihambe yona.
Vuthelani ixilongo,
nina bantu bakhe;
maliviwe izwi lakhe,
ngabo bonk’ abantu.
Vuthelani ixilongo,
nina bantu bakhe;
lihanjiswe izwi lakhe,
ngenyameko yonke.
Zonk’ izizwe, nezikude,
mazilazi lona,
zikha- Hengele konguYesu,
zimthande ke yena.