Akuhlanga lungehlanga

Akuhlanga lungehlanga
Dade nani bazalwana
lo mntu usishiyileyo
nguye ogudukileyo.

Akuhlanga lungehlanga
yonwabani lusatshana
nizilungisel’ okwenu
xa nibizelwa kokwenu .

Akuhlanga lungehlanga
kunje kuzo zonk’iintlanga
kungumthetho ubhaliwe
sisigqibo sigqibityiwe.

Akuhlanga lungehlanga
gqalan’oko bazalwana
ngaman’ UThixo anibophe
thuthuzelekani ngoko.

Akuhlanga lungehlanga
noko ngathi kubuhlungu
lo mmiselo wuqondeni
lo mmiselo wuqheleni.

Leave a Reply

kukho abo bazidlayo

14/09/2017

Sikuyo indlela

14/09/2017