Kukh’ iindlela izimbini
Kukh’ iindlela ezimbini, ekuhanjwa ngazo apha.
Enye iya ekufeni, enye iya ebomini.
Leyo iya ekufeniigudile intle kambe;
iyahanjwa ngabaninzi, Besenziwa kuyithanda.
Bephikele leyo ndlela ngobudenge nokungazi,
boda balahleke mpela baphelelwe nalithemba.
Enye incinane yona, inamatye, inameva;
seyihanjwa ngabambalwa, ngenxa yobunzima bayo.
Kanti iba mnandi noko, kwabo bayiqhelileyo;
kuba iya ekhayeni, elo balinqwenelayo.
lya ebungcwaliseni. lya ekukhazimleni.
lya kuMkhululi wabo. Iya eNkosini yabo.
Manizame leyo ndlela, nakuba inzima njalo;
kuba isa kuy’ uThixo nakubantu bethu bonke.