Bawo Nkosi yaphezulu
Bawo Nkosi yaphezulu
Sithi aba bantu bakho
Sibongoza sithobile
Thuma esimthenjisiweyo
Azisus’ izono zethu
Nobumnyama esikubo
Asibuyisel’ inyhweba
Esalahlekelwa yiyo.
Nkosi jonga ubumnyama
Obusemhlabeni wonke
Khawuthume umKhanyisi
Oyakubakhanyisela
Abahleli beziimfama
Bengakwazi wena, Bawo
Bade bakuthande bonke
Bakukhonze, Nkosi yethu.
Ke gcobani, zizwe zonke
Kuba naku kusondele
Ela xesha lokufika
LoMsindisi weth’ uYesu
Yiza Hlathi, sikhusele,
Yiza mHlawuleli wethu
Bawo Nkosi yaphezulu
Mawufik’ umbuso wakho.