Bhota! Mariya
Bhota! Mariy’ osikelelweyo
Yatsho iIngelosi kwintomb’ uMariya
Ethandazayo ngenyameko.
Bona, wozuza umntwana omhle,
Olangazelelwa zizo zonk’ iintlanga,
Unyuliwe me nguSomandla.
Izwi leNkosi, Ndiyakuvuma,
Ndingumkhonzazana, uphendule yena,
Makwenzeke kum izwi lakhe.
Nal’ uMsindisi seluqaliwe:
Ze ahlale kuthi ngothand’ olukhulu,
Waba ngomntu oka Thixo.