Bawo weth’ osezulwini
Bawo weth’ osezulwini, uyiNkosi emhlabeni.
Kuyalawulwa nguwe konke, singabakho thina sonke.
Malaziw’ igama lakho, maliphathwe ngobungcwele,
Mawubongwe ngumntu wonke wena Mdali weento zonke.
Mabuz’ ubukhosi bakho, luze kuth’ ufefe lwakho,
Singenwe ke lulo sonke size sikukhonze ngalo.
Mayenziw’ intando yakho, kuwo wonk’ umhlaba wakho.
Mayenziwe sithi sonke kwa njengabezulu bonke.
Mphi wazo zonk’ izinto, siphe namhl’ isonka sethu.
Siph’ isonka semizimba, siph’ isonka somphefumulo.
Sixolel’ ityala lethu nazo zonk’ izono zethu.
Sixolele ngoko nathi sixolel’ abanye ngako.
Zusigcine, Bawo wethu, sikhulule KuSathana.
Zusilondoloze, Bawo, engozini yobubomi.
Uzuko kuwe namandla onke ngoku namaxesha onke.
Amen, siyathemba kuwe ngoku namaxesha onke.