Eyakho intliziyo
Eyakho intliziyo ilulamile kanye,
Yinceba kolusizi, ah Nina wobubele!
Khangela, Ma Mariya, kangela phansi apha.
Khangela usapho lwakho ngamehlo obubele.
Ah Ma othandekayo sithethel’ ilizwi
Uzuthi singabakho, ukuze sixolelwe.
Khangela, Ma Mariya, kangela phansi apha.
Khangela usapho lwakho ngamehlo obubele.
Lilahlekile kuthi igama lobuntwana
ngezono ezininzi unguMa noko wena.
Khangela, Ma Mariya, kangela phansi apha.
Khangela usapho lwakho ngamehlo obubele.
Siguqa ngamadolo kuNyana wakh’ uYesu,
Ukuze simbongoze ngezono esinazo.
Khangela, Ma Mariya, kangela phansi apha.
Khangela usapho lwakho ngamehlo obubele.
Silondoloze wena, siphathe ngobubele
Ukuba ukufuphi, akukho ngozi kuthi.