Ilang’elitsha

Ilang’elitsha liphumile
Ke ngentobeko sithandaza
Namhlanje,Nkosi, londoloza
abantu apha emhlabeni.

Iingozi zonke uzisuse
umhendi makahlale kude
sithiye amaqhinga akhe
silahle nomsebenzi wakhe.

Zenze ntle iintliziyo zethu
izimvo nazo zilungise
ulwimi lwethu lungathethi
okubi ebusweni bakho.

Iliso lakho liyabona
phakathi nangaphandle kuthi
ilizwi lakho lisiyala
ukuba masingenzi bubi .

Makungabikho kudangala
masisebenze ngenyameko
masiphathe ngobungcathu
ngokufanele amaKristu.

Kanjalo yakuphel’ imini
sovuyasibulele kuye
izipho zakhe ezininzi
iintsikelelo zanamhlanje.

Sidumisa ubuthathu-nye
uYise nay’ uNyana wakhe
noMoya OyiNgcwele kanye
kaloku ngamaxesha onke.

Leave a Reply

Dumisan' iNkosi

21/08/2017