UMariya ethandaza

UMariya ethandaza wabuliswa yinkosi
ingelos’uGabrieli yeza kuye yathi
Ave, ave, ave Mariya

Yayisithi Ah Mariya unentsikelelo
wozala uMsindisi welizwe lonke
Ave, ave, Ave Mariya

Ungoyiki ntombazana, ngumsebenzi weNkosi
kuza kuhla phezu kwakho,ophezulu kanye
Ave, ave,Ave Mariya.

Waphendula UMariya :Ndithobela iNkosi
makwenzeke Oko kum njengokutsho kwakho
Ave,ave, ave Mariya.

Ke unyana wophezulu wehla waba ngumntu
engumntwana woovirigo osikelelweyo
Ave, ave, ave, Mariya.

6.Thin’abakho,Ma Mariya,siyakubulisa/iintliziyo zethu namhla zikuncoma zithi: Ave,ave, ave Mariya.

Leave a Reply

Ah Bawo ophezulu

18/08/2017

Umhle Mariya

18/08/2017