Umhle Mariya

Umhle Mariya uphakamile
ungumzekelo wobizo lwethu
kuwe ndinika yonke imbeko
ngokuyamkela iNkosi yethu
wena wazala umphi wofefe
Kuwe Virigo senditsho ngokwam
mandisabele ithemba lobom.

Kobu bubumnyama andinamkhaphi,
khanya nkwenkwezi, khanya ngakum
ze ndiyibone mhlophe le ndlela
ndide ndifike kuYesu wam
wena wazala umphi wofefe
Kuwe Virigo senditsho ngokwam
mandisabele ithemba lobom.

Kobu buhlungu,andinamncedi
ndithembe ke wena Mariya Ma
njengalo iBandl’ elakuthembayo
thandaza Nam ke ndomelele
wena wazala umphi wofefe
Kuwe Virigo senditsho ngokwam
mandisabele ithemba lobom.

Leave a Reply

UMariya ethandaza

18/08/2017

Vuya Kumkanikazi

18/08/2017