Akunalusizi kufa!
Akunalusizi kufa!
akunako ukucengwa
ngamawaka obutyebi
akunako ukuthengwa.
Bubuninzi beenyembezi
akunakushukunyiswa
ziingxakeko esinazo
akunakuphazanyiswa.
Kodwa, kuye okholwayo
kulithemb’ ukuza kwakho
usisothunywa soxolo
nax’ ufikile ngobungxamo.
Izothuso zakho, kufa!
azisokumshukumisa
amandl’ akho aphelile
uMkhululi wakoyisa.
Mandiphile ngokwelunga
ize ndif’ ukufa kwalo
zendingabi nakungqunga
lakufik’ ixesha lam.