Awu sizi lwakho

Awu sizi lwakho Yesu
owaluv’ entliziyweni
mhla ke wabila igazi
wakuboni zono zethu.

Neengelosi ziyancwina
zakubon’ ubethelwe
utyatyulwa wonk’ umzimba
utyatyamba yimivimbo.

Bakuthesw’ entloko ameva
bakugxeka ngengcongolo
bakuhleka njengejacu
babekwenza oligeza.

Izigwinta zakubopha
zakuqhuba namabhada
uthwele won’umnqamlezo
ukusinga eKalvari.

Bagqobhoz’ izandla zakho
babethelela kwanenyawo
bakujingisa Msindisi
phezu komthi oli hlazo.

Yesu, Mcamagushelo
owabingwa ngenxa yethu
sibulel’ uthando lwakho
owasisindisa ngalo.

Leave a Reply

Yesu uyandithanda

22/08/2017

Xa bendiyintsimbi

23/08/2017