Nantsi ke sel’ iphel’ imini
Nantsi ke sel’ iphel’ imini
zusive Mdali weento zonke:
Zulondoloz’ usapho Iwakho,
sigcine, Bawo, ebusuku.
Ngenkohlakalo sikonile,
siyayithiya, sibuhlungu.
Khangel’ usizi Iwentliziyo,
tarhu ke, Thix’ onobubele.
Ukuba sithe salungisa,
siyabulel’ uncedo Iwakho,
Bhala ke encwadini yakho,
izenzo ezilungileyo.
Siyanikela kuwe, mDali
umzimba nomphefumlo wethu,
intando nayo le ntliziyo
zezakho amaxesha onke.
Sigxothel’ imimoy’ emibi,
thumela iingelosi zakho,
zingand’ iingozi zobusuku,
zigcin’ abantu nabantwana.
Mabube mnandi ubuthongo
sizuz’ impilo ngo- kuphumla.
Masithembele kuSomandla
sigcinwe esandleni sakhe.
Sidumisa uButhathunye
uYise nay’ uNyana wakhe
noMoya oyiNgcwele kanye,
namaxesha onke. Amen.