Makubekho uzuko
Makubekho uzuko
kukumkani wethu
owabongwa ngabantu
ngengoma zovuyo.
Ungukumkani wethu
Nyana kaDavide
makabongwe ozayo
egameni le nkosi.
Umkhosi weeNgelosi
uyambonga nawo
nabantu, neento zonke
babonga besithi.
Abantu bakudala
babekuzukisa senz’
umthandazo thina
neendumiso kuwe.
Bakubonga ngeengoma
ungekev’ iintlungu
Sibonga ngazo nathi
wen’ Ophezu konke.
Wathi indumiso yabo
wayamkela, Nkosi
nemithandazo yethu
yamkela ke njalo