Kukh’ iindlela izimbini

Kukh’ iindlela ezimbini, ekuhanjwa ngazo apha.  Enye iya ekufeni, enye iya ebomini. Leyo iya ekufeniigudile intle kambe;iyahanjwa ngabaninzi, Besenziwa kuyithanda. Bephikele leyo ndlela ngobudenge nokungazi,  boda balahleke mpela baphelelwe nalithemba. Enye incinane yona, inamatye, inameva;seyihanjwa ngabambalwa, ngenxa yobunzima bayo. Kanti iba mnandi […]

Izulu lilikhaya

Izulu lilikhaya endilifunayo.  Likhaya lolonwabo ngumzi kaBawo wam.  Izulu, izulu, lilikhaya, ewe, ewe, lilikhaya. Izulu lilikhaya heke mphefumlo wam!  akukho ndawo yimbi inokuthandwa ndim.  Izulu, izulu, lilikhaya, ewe, ewe, lilikhaya. Izulu lilikhaya, lizuzwa njani na?  Ngokulandel’ uYesu, okubizileyo.Izulu, izulu, lilikhaya, ewe, ewe, […]

Hosana enyangweni

Hosana enyangweni, ndivuma ngezwi lam,  kuNyana ka Davide ozayo ngenxa yam.  Hosana undisiza ebunzimeni bam,  uyeza akabizwa ongu Msindisi wam. Sizalelw’ uMsindisi ngokuzolileyo,  eBhetelehem kwa Yuda wenziwa waba ngumntu.  Wenjenje ukuthanda uThix’ ihlabathi, wa-mncam’ uNyana wakhe kuphel’ kwamzeleyo. Zithoben’ emkhombeni aph’ alele khona, […]

Hamba kakuhle

Hamba kakuhle, sihlobo sethu,Sel’ uphumile ebubini balo mhlaba,Sowuy’ ekhaya lee ezulwini,KuBawo weth’ okubizileyo. Yho, siyalila, sinyembezana,Sesibuhlungu, ngokuba sikuhluthiwe;Kanti intando kaBawo wethuMayidunyiswe amaxhesha onke. Hamba kakuhle, sihlobo sethu,Sel’ ubuyele, apho wathatyathwa khona.Uzungoyiki iNkos’ inawe Sohlala sikukhumbula njalo. Sesicelela, wena sihlobo,KuThixo wethu, ongumNinitarhu lonke,Akuxolele, […]

Eyakho intliziyo

Eyakho intliziyo ilulamile kanye,Yinceba kolusizi, ah Nina wobubele!Khangela, Ma Mariya, kangela phansi apha.Khangela usapho lwakho ngamehlo obubele. Ah Ma othandekayo sithethel’ ilizwiUzuthi singabakho, ukuze sixolelwe. Khangela, Ma Mariya, kangela phansi apha.Khangela usapho lwakho ngamehlo obubele. Lilahlekile kuthi igama lobuntwanangezono ezininzi unguMa noko […]

Bawo weth’ osezulwini

Bawo weth’ osezulwini, uyiNkosi emhlabeni.Kuyalawulwa nguwe konke, singabakho thina sonke.Malaziw’ igama lakho, maliphathwe ngobungcwele, Mawubongwe ngumntu wonke wena Mdali weento zonke. Mabuz’ ubukhosi bakho, luze kuth’ ufefe lwakho,Singenwe ke lulo sonke size sikukhonze ngalo.Mayenziw’ intando yakho, kuwo wonk’ umhlaba wakho.Mayenziwe sithi sonke […]

Ah Ma wethu

Ah Ma wethu, themba lethuVirig’ omnandi Mariya;Ma othandekayo, nococekileyoUsithanda, zusithandazele. Tarhuzisa, uxoliseuNyana wakho uYesu.Sithembela kuwe, ngsikuswelayo,Usithanda, zusithandazele. Singcolile, sityhafileSiwile ekulingweni.Khawusomeleze, uzusiyalezeUsithanda, zusithandazele. Ma, khangela, sinqwenelaAwakho amathamsanqaKhawusikhungele, yiba nobubeleUsithanda, zusithandazele. Mhla ndabhubha, uya kubalusizo lwam, Ma Mariya.Ndiya kububiza, wena wondisiza,Usithanda, zusithandazele.