Nkosi yam

Nkosi yam ubundithanda ekulahlekeni kwam Nkosi yam, waman’ ulanda futhi emkhondweni wam ndafunyanwa, Nkosi yam. Nkosi yam, ilizwi lakho lingumkhanyiseli wam Nkosi yam, ufefe lwakho lusisonwabiso sam ndinovuyo, Nkosi yam. Nkosi yam, sendikwamkele ndingowakhe ngoko nam SendiseBandleni lakho elasekwayo nguwe mandingqine, Nkosi […]

Ah Yesu Mncedi

Ah Yesu Mncedi wethu igama lakho lihle lavela ezulwini likhulu emhlabeni akukho limbi igama elihle njengelakho ke lilo nje kuphela esingasinda ngalo. Ngegama lakho, Yesu kuguqwa ngamadolo: ngabantu neengelosi sithoba phambi kwalo igama lakho, Yesu lisikhusela sonke Louise imimoya ley’ ikhohlakeleyo. Limnandi […]

Ndingowakho

Ndingowakho Yesu wam ndingowakho njalo Ndingahlukaniswa nawe Ebomini bonke. Andinakumnika omnye intliziyo yam Yeka Yesu wam yedwa kude kube nini. Yesu Kristu, Thixo wam hlala Nam njalo ndibe sisihlobo sakho ngamaxesha onke.

Mafu zulu vulekani

Mafu zulu vulekani aze ehle uMsindisi atsho amaSirayeli enethemba Ayefuna ukumbona uMsindisi wethu uYesu Nathi Yesu silindele yiza kuthi. Wathi akumbuz’ uThixo uMariya waphendula xa utshoyo makwenzeke makafike. Yola mhlaba,vuya luntu seliphum’lang’ elitsha zonk’ izizwe mazibonge wena Thixo. Wafika ke elusana olufana […]

Nkosi ndiyeza

Nkosi ndiyeza kuba ndonile wena Msindisi wam, akungendali xa ndicelayo kuwe itarhu tarhu me Nkosi Yesu. Lila ntliziyo,Lila zisole phambi komgwebi wetyala laboni osenetarhu xa siphilayo Tarhu ke, Nkosi Yesu. Ndoda yeentlungu,ndoda yegazi waliphalaza khumbula ke lo nto undithengile ngelona gazi Tarhu […]

Jonga nantsi iNKosi

Jonga nantsi iNKosi yakho isemnqamlezweni ibethelwe ngenxa yakho wena ungumoni “Buy’ ubuye itsho kuwe “buyela kum moni! xa uthanda ukuphila buyela kum moni”. Yima mini,uzulive elo lomKhululi elikuyalayo lithi puma engozini khawuleza Ute kuye thath’ indlela yakhe ufumane ukuphila ngobubele bakhe. Yesu […]

Ah Yesu Msindisi

Ah Yesu Msindisi uzile kum namhlanje uhleli kum ndikuwe mandive izwi lakho. INkosi yezulu kumon’ emhlabeni ngummangaliso kanye uthando olungaka. Isonka seNkosi kukutya komkhonzi nakuba ndilihlwempu ndineento zonke ngawe. Lo mzimba kaYesu ngumthombo woxolo Mandibe nolo xolo noThixo kwanabantu. Iintsizi neentlungu zininzi […]

Yiza Yesu, Thixo wethu

Yiza Yesu, Thixo wethu apha eBandleni lakho asinakuphila thina wen’ ungekho Nkosi yethu. Yiza Yesu Nkosi yethu usidibanise sonke side simanyane sonke sihlalisane ngoxolo. Wena mthombo wobungcwele singcwalise thina boni Wena Sonka sabahambi siph’amandla, someleze.

Yesu Sonka sokuphila

Yesu Sonka sokuphila yiza ndinxanelwe wena Yesu, Yesu wam omhle yiza, yiza kum. Yesu Sonka sokuphila yiza ke undomeleze Yesu, Yesu wam omhle yiza, yiza kum. Yesu wam Thixo wam yiza ke undivuyise Yesu, Yesu wam omhle yiza, yiza kum.

Yesu ndihlala nawe

Yesu ndihlala nawe mandife nawe Yesu mandibe ngowakho njalo. Mzimba kaYesu wam ewuphakathi kum zundisindise kwiintshaba zam. Gazi leNkosi yam suss izono zam uzungcwalise umoya wam.