isiXhosa Hymns

A Abafela ENkosini Ah Bawo ophezulu Ah Ma Mariya Aleluya, Aleluya, Aleluya!  Ah Mama nina woMsindisi Ah Ntliziyo yomkhululi Ah Ngelosi yam Ah nkos’ andifanele Ah Nkosi khawamkele Ah Nkosi yobukhosi Ah Sonka sosindiso Ah Thixo wethu Ah Yesu Mncedi Ah Yesu Msindisi […]

Aleluya, Aleluya, Aleluya! 

Aleluya, Aleluya, Aleluya! Ukulwa sekuphelile uloyiso lolweNkosi he! Uvumani, nidumise; Aleluya. Amandl’okuf’ancamile sel’echithiwe nguYesu: makubongwe kudunyiswe: Aleluya. Uvukile eyiNkosi wophatha bonke abantu masivuye nezihlwele: Aleluya. Ekufeni sikhulule: ngezo ntlungu wazivayo size sikubone futhi: Aleluya. Iintiyano mayiphele uthando malwandele ke sitsho sicule sisithi: […]

Yizani sisondele

Yizani sisondele emthini womnqamlezo, sibone uMsindisi  obethelelwe khona. Bonan’ umzimba wakhe uzele yimivimbo, umanxeba-nxeba uphum’igazi wonke. Entloko uthwesiwe isistshaba sameva, izandla kwaneenyawo nazo zibethelelwe. Kant’uyanyamezela uviswa ubuhlungu, ufel’emnqamlezweni ngothando olukhulu. Yesu,Mhlekazi omhle ngubani onetyala, lokufa kwakho oku? Sithi ke thin’aboni. O Yes’ […]

UYesu Kristu nguMsindisi

UYesu Kristu nguMsindisi, othunyelwe ehlabathini ukuze alwamkel’ uluntu nokuba selumvisi iintlung. Nank’ emyezweni egobile ebila amathonts’ egazi encwina ethandaza shushu ndivum’ intando yakho,Bawo. Iintshaba zakhe ziyambamba zimbopha zimzis’ etyaleni ugwetya lo ungenatyala kanti usazithanda noko. UPetros umkhanyela mpela amadindala ayamgxeka ambethe amnyelise […]

Xolela isandla

Xolela isandla esibethayo libala intlungu ozivileyo ungabi nanqala sihlobo sethu Xolela namhlanje mntwana kaThixo Bona uYesu inkosi yakho elulamileyo kanti nguThixo. Nangona kunzima kuw’ ukoniwa noko njengaye lo usisidalwa kanti ke uMdali, INkosi yakho woniwa kakubi nguwe mkhonz’ akhe Bona uYesu inkosi […]

Ndikuthembisa Thixo

Ndikuthembisa Thixo wam phambi kweBandla lonke ndithi ndokhonza wena, Nkosi ndibe ngumntu wakho mpela. O Yesu ndiyakubulela ngokundibizel’ eBandleni ndada ndakholwa kuwe. Ndolimamel’ iBandla lakho elikubambeleyo elibonis’indlel’ eyiyo ngokuhlalisana ngoxolo Ndobambelela kulo njalo ndingabi sahlukana nalo ndide ndifele kulo. Bawo ndamkele ngobubele […]

Zuyole lizwe

Zuyole lizwe ngovuyo zala Zulu yimibongo uzuko lwabaPostolo maluvakale kamnandi. Nina ninceda abantu nikhanyisel’ umhlaba sicela sonke ngomnqweno yivani izwi leBandla. Nithunyelwe ebantwini nivakalise ilizwi zenikhulul’ iintliziyo ezisezintluphekweni. Nina siseko seBandla enanyulwayo nguKristu zeniqhekeze isonka nixolelanis’ abantu. Nizenze zonke iintlanga abalandeli beNkosi […]

Yahlala imfama

Yahlala imfama icela amalizo wafika UYesu edlula ngakhona kwavakal’ ilizwi lemfama ngobizo O Nyana kaDavid ndinik’ ukubona. Wavuma uYesu wanceda kwangoko esithi lamehlo ndise ndiwavula. yazuz’ukubona imfamakwaoko yasuk’ilandel’uMkhululi ivuya. UYesu phezulu,usenobubele: nakububumfama basemphefumlweni angathi ngazwi-Nye athethe buphele kungen’umphefumlo enkululekweni. Yizani zimfamazomhlaba yizani! […]

Ingelosi ziyacula

Ingelosi ziyacula phezu kwayo indlu le Yintoni na;zithini na? Nantsi ngoma yazo: uzuko kuThix ophezulu. Abelusi bangxamele ukubona loo ndlu ke: unantoni laa mqolomba? Bayangena bathi: uzuko kuThix’ ophezulu . UMariya noYosefe bakho,benovuyo nje Nal’usana lusongelwe ezingubeni zalo: uzuko kuThix’ ophezulu . […]

Nkosi sihlangene 

Nkosi sihlangene  kuyo indlu yakho yiza nawe,ube nathi, ngokwentando yakho. Iintliziyo zethu  ziyakunxanelwa; kwanemiphefumlo yethu iyakulindela. Ukubizwa kwakho Bawo, masikuve, lakhutyhilwa izwi lakho, nawe masikuve. Khawusilungise thina bantu bakho; size senz’intando yakho ngamaxesha onke.