Ndikuthembisa

Ndikuthembisa Thixo wam phambi kweBandla lonke ndithi ndokhonza wena,Nkosi ndibe ngumntu wakho mpela. O Yesu ndiyakubulela ngokundibizel’ eBandleni ndada ndakholwa kuwe. Ndolimamel’ iBandla lakho elikubambeleyo elibonis’ indlel’ eyiyo ngokuhlalisana ngoxolo Ndobambelela kulo njalo ndingabi sahlukana nalo ndide ndifele kulo. Bawo ndamkele ngobubele […]

Akunalusizi kufa

Akunalusizi kufa! akunako ukucengwa ngamawaka obutyebi akunako ukuthengwa. Bubuninzi beenyembezi akunakushukunyiswa ziingxakeko esinazo akunakuphazanyiswq. Kodwa, kuye okholwayo kulithemb’ ukuza kwakho usisothunywa soxolo nax’ ufikile ngobungxamo. Izothuso zakho, kufa! azisokumshukumisa amandl’ akho aphelile uMkhululi wakoyisa. Mandiphile ngokwelunga ize ndif’ ukufa kwalo zendingabi nakungqunga […]

Sikuyo indlela

Sikuyo indlela yelizwe lobom ikhaya labantu bahleli ngenyhweba Nina ke nahluka KuThixo ngokona nithini noya na? noyana phezulu. Usizi, usizi alunakubakho kwelo zwe , bangcwele abalihambayo Bahambi kanzima nigqitywa bububi nithini noya na ? noyana na phezulu. Kwelo zwe akukho buhlwempu nakanye […]

Akuhlanga lungehlanga

Akuhlanga lungehlanga Dade nani bazalwana lo mntu usishiyileyo nguye ogudukileyo. Akuhlanga lungehlanga yonwabani lusatshana nizilungisel’ okwenu xa nibizelwa kokwenu . Akuhlanga lungehlanga kunje kuzo zonk’iintlanga kungumthetho ubhaliwe sisigqibo sigqibityiwe. Akuhlanga lungehlanga gqalan’oko bazalwana ngaman’ UThixo anibophe thuthuzelekani ngoko. Akuhlanga lungehlanga noko ngathi […]

kukho abo bazidlayo

kukho abo bazidlayo ngobuhle babo kukho nabakratshileyo ngobutyebi babo kodwa, kodwa ekufeni bona bonke bayafana, omncinane kwanomkhulu bayatshona engcwabeni. Kukho abadumileyo ngal’ ulwazi labo kukho nabangcileyo ngokhalipho lwabo Kodwa, kodwa ekufeni bona bonke bayafana omncinane kwanomkhulu bayatshona engcwabeni. Kukho abadeliweyo ngenxa yobuhlwempu […]

Nkosi, ukutshata

Nkosi, ukutshata oku kwaba Bantu bakho z’ukusikelele ngoku ngokubakho kwakho. Mabahlanganiswe nguwe bev’ uyolo lwakho mabenziwe banye kuwe bev’ uthando lwakho. Imihlali engendawo asiceli yona sibabongozela, Bawo ithamsanqa lakho. Kuzo zonk’ iindlela zabo mabavume wena konke ukuhamba kwabo kulungise wena.

Yesu siyakubongoza

Yesu siyakubongoza zupholise ubuhlungu nayo yonk’ imiphefumlo esesemhlambululweni. Galela igazi lakho endaweni ebuhlungu mawuphumze aba bantu abasahlanjululwayo. Tarhu Yesu Mncedi wabo naba bekhalela kuwe bangenise endaweni owababekela yona.

Thixo naba

Thixo naba ababini benze ngoku umnqophiso kwanga ukumanywa kwabo kunga koko kwentliziyo. Wanga ungabakhokela apho baya khona Bawo Hlala nabo njengoYise uz’ ulawul’ ikhaya labo. Umanyano lweentliziyo malufumaneke kuwe kungengazifungo zodwa abazenze phambi kwethu. Omnye athwalele omnye iinkathazo zomphefumlo bakhaliphe banyameke babophane […]

Masihambe nabelusi

Masihambe nabelusi simkhangele ozalelw’ eBhethlehema oyiNkosi yethu. Masucule neengelosi sidumis’ osemkhumbini sibulise kolusana kuKumkani wethu. Masihambe nokumkani sinikele kunye nabo konk’ okuhle esinako kolu san’ oluhle. Masinqule njengoNina noYosef,uMondli walo siluthande olu sana olusithandayo. Iintliziyo zethu zonke sizinika wena, Yesu zuzamkele zizezakho […]

Bantu bam ndinenzeni?

Bantu bam ndinenzeni? nindixhom’ emnqamlezweni! Phendulani! Ndenze ntoni? EJiphethe ndanilwela, ndabulal’ amazibulo, kodwa niyandityakatya. Ndanikhulul’ eJiphethe, ndaniwez’ ulwandle olubomvu, kodwa nindibek’ ityala. Ndanenzel’ indlela elwandle, Nawela nichwayitile, nindihlaba ephangweni. Ndanikhokela ngelifu. Endleleni ey’ ekhaya, nandizisa kuPilato. Ndanityis’ iman’entlango, Ndanondla ngamandl’ am, kodwa […]