Bongan’ iNkosi!

Bongan’ iNkosi! Sibonga iNkos’ esezulwini, Ekhonzwa zizidalwa zonke. Bongan’iNkosi! Sibonga iNkos’uMdali wethu Otarhu lingunaphakade. Bongan’ iNkosi! Sibonga iNkos’njengeengelosi Ezisoloko ziyibonga. Bongan’ iNkosi! Sibonga iNkos’ siyidumise Ngodumo olungapheliyo.

Yihla Moya oyingcwele

Yihla Moya oyingcwele Zuthambise iintliziyo Zabo bonk’ abantu bakho Balivume izwi lakho. Zusisikelele Bawo Kuba ungumonwabisi Singcwalise ngomso wakho Ngazo zonk’ izipho zakho. Ah mthombo wobungcwele Singcwalise thin’ aboni; Size sithandeke njalo Kuwe Mdali wethu sonke.

Ncoma Ziyon

Ncoma Ziyon uMsindisi, Umkhokeli nomalusi, Ngamaculo nangeengoma. Zama ngalo konk’ onako; Asinako ukumnika, Thina ngokufaneleyo. Nants’ indawo yodumiso, Sisimanga seso sonka Sihleliyo siphilisa Abafundi basiphiwa Kwesasidlo sokuphela, Nguye yena inkqu yakhe. Malifezek’ udumiso, Luvakale, lube mnandi, Intliziyo mayiyole, Ngowona mhla mkhulukazi, Wokuyenza […]

Ah Sonka sosindiso

(O Salutaris Hostia) Ah Sonka sosindiso Sivulel’ izulu wena Luyasibandezel’ utshaba Siph’ amandla zusincede. Thixo, Nkosi enye-ntathu Lonk’ Uzuko lube kuwe, Siph’ ubom obungapheliyo Ekhayeni lethu Bawo. Amen.

Nantsi isakramente

(Tantum Ergo) Nantsi isakramente enkulu Masizithobe sonke Kuyaqala into entsha Emva kwelidali isiko Into engenakuqondwa Ukholo maluyixhase. Kuwe Mzali kuwe Nzala Makunikwe uzuko Nombuliso nodumiso Nayo yonk’ intsikelelo Wena Moya wababini Mawubongwe ngokunjalo. Amen.

Mariya mandla am

Mariya mandla am khawundithandazele, Ndibambele kuyo Indlela yokulunga Ndiphe ngoko amandla, Ndingxininise kuyo Indlela yakh’ uYesu, Esa ekuphileni. Mariya mgcini wam, Khawundilondoloze Xa ndihlelwa yingozi Kulo mendo weNkosi Ndiphe ngoko amandla, Ndingxininise kuyo Indlela yakh’ uYesu, Esa ekuphileni. Mariya themba lam, Khawundithethelele […]

Yizani ke nonke

Yizani ke nonke Nantsi isakramente Eyamiswa nguy’ uYesu Size simkhumbule. Nank’ umzimba wakhe Nali igazi lakhe Owudlayo alisele Wophila ke njalo. Nguy’ osimemayo Uthi: yizani ke Nonke nixhamlekileyo Ndiniphakamise. Sixolel’ izono Esakona ngazo Siqinise someleze Singabuye sone. Hlala nathi Yesu Usingcine njalo […]

Thixo ungumncedi

Thixo ungumncedi wethu Wena ungamandla ethu Unothando kubo bonke Abasemhlabeni wonke. Ukulunga kwakho kuthi Kuya siyasivuyisa futhi Kuya, uluvuyo wethu, Kuhlwa ulikhakha lethu. Malubekh’ udumo lonke Kuwe emhlabeni wonke: Thixo, wena ulumkile, Thixo wena ulungile.