Maria ocwebile

Maria ocwebile, Virigo elimnene, Limnand’ igama lakho. Lisenamisa sonke, ngob’ unguMame wethu omuhle othandwayo. E! Mame onesisa, sivume sib’ abakho: Ak’ usisiz’ ukuba sib’ abantwana abahle, abenz’ okuhle njalo baxway’ izono zonke. Luveze, Mame wethu, uthando olukhulu onalo kithi sonke esing’ abantabakho, […]

E! Maria akungizwe

E! Maria akungizwe mina mntwana wakh’ ompofu. Ngisekude nawe Mame, gisahlezi osizini. Mlondi wami onamandla, Mame onomus’ omkhulu, Ngiyancenga ungihlenge kuzo zonke izingozi. Ngenhliziyo yami yonke ngiyafis’ ukuba nawe. Uze kimi mhla ngifayo, ungiyise ezulwini.  

Ndikuthembisa Thixo

Ndikuthembisa Thixo wam phambi kweBandla lonke ndithi ndokhonza wena, Nkosi ndibe ngumntu wakho mpela. O Yesu ndiyakubulela ngokundibizel’ eBandleni ndada ndakholwa kuwe. Ndolimamel’ iBandla lakho elikubambeleyo elibonis’indlel’ eyiyo ngokuhlalisana ngoxolo Ndobambelela kulo njalo ndingabi sahlukana nalo ndide ndifele kulo. Bawo ndamkele ngobubele […]

Zuyole lizwe

Zuyole lizwe ngovuyo zala Zulu yimibongo uzuko lwabaPostolo maluvakale kamnandi. Nina ninceda abantu nikhanyisel’ umhlaba sicela sonke ngomnqweno yivani izwi leBandla. Nithunyelwe ebantwini nivakalise ilizwi zenikhulul’ iintliziyo ezisezintluphekweni. Nina siseko seBandla enanyulwayo nguKristu zeniqhekeze isonka nixolelanis’ abantu. Nizenze zonke iintlanga abalandeli beNkosi […]

Yahlala imfama

Yahlala imfama icela amalizo wafika UYesu edlula ngakhona kwavakal’ ilizwi lemfama ngobizo O Nyana kaDavid ndinik’ ukubona. Wavuma uYesu wanceda kwangoko esithi lamehlo ndise ndiwavula. yazuz’ukubona imfamakwaoko yasuk’ilandel’uMkhululi ivuya. UYesu phezulu,usenobubele: nakububumfama basemphefumlweni angathi ngazwi-Nye athethe buphele kungen’umphefumlo enkululekweni. Yizani zimfamazomhlaba yizani! […]

Ingelosi ziyacula

Ingelosi ziyacula phezu kwayo indlu le Yintoni na;zithini na? Nantsi ngoma yazo: uzuko kuThix ophezulu. Abelusi bangxamele ukubona loo ndlu ke: unantoni laa mqolomba? Bayangena bathi: uzuko kuThix’ ophezulu . UMariya noYosefe bakho,benovuyo nje Nal’usana lusongelwe ezingubeni zalo: uzuko kuThix’ ophezulu . […]

Nkosi sihlangene 

Nkosi sihlangene  kuyo indlu yakho yiza nawe,ube nathi, ngokwentando yakho. Iintliziyo zethu  ziyakunxanelwa; kwanemiphefumlo yethu iyakulindela. Ukubizwa kwakho Bawo, masikuve, lakhutyhilwa izwi lakho, nawe masikuve. Khawusilungise thina bantu bakho; size senz’intando yakho ngamaxesha onke.  

Wen’uyinkwenkwezi

Wen’uyinkwenkwezi ekhanyis’elwandle, wena uyintombi eyazal’uThixo. Zusikhangele ngenceba sithethelele kuYesu Ah wena Ma wethu. Wena wamakholwa lizwi lengelosi: Lubuyis’uxolo, uEv’alulahlayo Zusikhangele ngenceba sithethelele kuYesu Ah wena Ma wethu. Mawubonakale njengoMama wethu. OnguNyana wakho makasike ngawe. Zusikhangele ngenceba sithethelele kuYesu Ah wena Ma wethu. […]

Wakrazulwa ngenxa yethu

Wakrazulwa ngenxa yethu liwa laphakade! kuze sizifihle kuwe nxeba likaYesu. Yeyani na le mikrozo kwelo cala lakho? Yeyegazi, yeyemanzi, masihlanjululwe. Asinanto ezandleni, size kanye, Nkosi! sikhangel’ emnqamlezweni, kojingayo kuwo. Wakrazulwa ngenxa yethu liwa laphakade! kuze sizifihle kuwe nxeba likaYesu.  

AmaSakrament’ aNgcwele

AmaSakrament’ aNgcwele ngesibalw’ayisikhombisa sawamiselwa nguJesu, yimithombo yosindiso. Umphefumul’uyahlanzwa ngamanzi ombhabhadiso, ungeniswe eBandleni, ub’umntakaNkulunkulu. Ngomqiniso uyagonywa, uqiniswe ub’iqhawe, elivum’ukholo lwalo nom’izitha zidlangile. Sokwamukela iSidlo, samukel’uJes’uqobo ophilayo, obusayo angen’azophila kithi.  Nxa siwele esonweni, umphefumulo wangcola, siwuhlamba ngempenduko, uma sesilahl’isono. Nxa umkristo egulayo, wamukel’umgcob’ongcwele omiselw’abagulayo […]