Ntliziyo yoMsindisi

Ntliziyo yoMsindisi, ah mthombo wokuphila ngamana wonk’ umhlaba ukuzukise njalo Mawudunyiswe kanye ntliziyo yoMsindisi ubongwe, udunyiswe uthandwe ngabo bonke. Bongani le ntliziyo izele bububele yahlwatywa ngenxa yethu yaphum igazi lonke Mawudunyiswe kanye ntliziyo yoMsindisi ubongwe udunyiswe uthandwe ngabo bonke. Ah Yesu inye […]

Nkosi ukuhlwa

Nkosi ukuhlwa kufikile namhla usisikelele, wasigcina ngale mini nakaloku zusigcine. Nceda,Nkosi,Sifundise nab’ubomi bulungise: kuz’ukufa kwakufika singoyik nokoyika . Sonke bantu sikhusele silinde sakulala iz’imini yakubakho senze wonk’umthetho wakho. Masimbonge onguyise onguNyana simdumise size sithi sibulele konguMoya OyiNgcwele.

Ilang’elitsha

Ilang’elitsha liphumile Ke ngentobeko sithandaza Namhlanje,Nkosi, londoloza abantu apha emhlabeni. Iingozi zonke uzisuse umhendi makahlale kude sithiye amaqhinga akhe silahle nomsebenzi wakhe. Zenze ntle iintliziyo zethu izimvo nazo zilungise ulwimi lwethu lungathethi okubi ebusweni bakho. Iliso lakho liyabona phakathi nangaphandle kuthi ilizwi […]

Dumisan’ iNkosi

Dumisan’ iNkosi yenu basemazulwini Mdumisen’ ezinyangweni nina mandla akhe Nina zingelosi zakhe mdumiseni yena osagcina zonk’ izinto ezivela kuye. Wena langa nawe nyanga dumisani yena zinkwenkwezi zokukhanya mncomeni uMdali Mvula ngqele nobushushu khumbulani lowo olawula amazulu nehlabathi eli . Dumisan’ uThixo wenu […]

Busuku obuhle

(Silent night) Busuku obuhle kuthule ke konke tu emzini waseBhethlehema uMsindisi azelwe kuwo makadunyiswe uYesu . Busuku obuhle abelusi nabaya bethandaza eBhethlehema nengelosi zicula zithi Uzuko, uzuko, kuThix’ ophezulu . Busuku obuhle uMsindisi nankuya eze kuthi eBhethlehema eze kusisindisa thina masimncome, simbonge […]

Yizani zintlanga

Yizani zintlanga nibizwa nonke NguYesu uThix’ owanifelayo: Yizani,Yizani,Yizani nonke . Musan’ ukudela ilizwi eli liveni nikholwe,nilunge ngalo nikholwe,nikholwe, nikholwe nonke. Yizani zintlanga nikhaliphile zenizinikele kuYesu njalo KuYesu, kuYesu,kuYesu njalo. Zaman’ ukulunga, zenilindele uYesu iNkosi umncedi wenu yinkosi, yiNkosi ,yiNkosi yenu. Emveni kokuva […]

UYesu Kristu nguMsindisi

UYesu Kristu nguMsindisi, othunyelwe ehlabathini ukuze alwamkel’ uluntu nokuba selumvisi iintlung. Nank’ emyezweni egobile ebila amathonts’ egazi encwina ethandaza shushu ndivum’ intando yakho,Bawo. Iintshaba zakhe ziyambamba zimbopha zimzis’ etyaleni ugwetya lo ungenatyala kanti usazithanda noko. UPetros umkhanyela mpela amadindala ayamgxeka ambethe amnyelise […]

Mariya siyakhunga

Mariya siyakhunga Mariya sincede singamahlwempu thina Mariya sincede Ah siyathemba kuwe Mariya o Mariya kub’ungumama wethu. Mariya themba lethu Mariya sincede wen’ uyinqaba yethu Mariya sincede Sibalekela Kuwe Mariya o Mariya sigcine thin’abakho. Virigo wooVirigo Mariya sincede khangela ngobubele Mariya sincede Ah […]

Ah Thixo wethu

Ah Thixo wethu Nkosi zamkele ezi zipho ezinikelwa kuwe esibingelelweni zuzenze ziguquke zibe yinyama yakhe negazi elabingwa phaya emnqamlezweni. Khangela eli dini usixolele ngalo thina nabahlanjwayo izono emlilweni ungabi sakhumbula izono zethu ezi ngenxa yokukhungelwa nguYes’uNyana wakho.

Vuya Kumkanikazi

Vuya Kumkanikazi , ave Mariya mnandi ulungile ave Mariya Vuyani Kherubhim Bongani Seraphim Ah Kumkanikazi, Salve,salve, Salve Regina. Ah Ma onobubele,Ave Mariya Virigo onamandla ave Mariya, Vuyani Kherubhim Bongani Seraphim Ah Kumkanikazi, Salve,salve, Salve Regina. Xa ndikhedamileyo, ave Mariya wena wondonwabisa Ave […]