Yesu sikho thina

Yesu sikho thina bakho size emiseni nawe sihlaziy’ idini lasemnqamlezweni. Siwavuma phambi kwakho amatyala ethu, silusizi ngokwenene kuba sikonile. Yesu Nkosi enetarhu khawusixolele usihlamb’ izono zethu egazini lakho. Senze Nkosi sibe nyulu emehlweni akho usivuse sikukhonze ngamxesha onke.

Sinelizwi likaThixo

Sinelizwi likaThixo sinobom ngalo siyazaz’izono zethu noMsindisi ngalo. Lihambile elo lizwi lisahamba lona ezo zizwe ezi kude zilindele lona. Ziyoyisw’ iintshaba zakho ngezwi lakho Nkosi wozalis’ umhlaba wonke ngezwi lakho Nkosi. Iimilambo yelizwe yovuyiswa ngalo abantwana bezi zizwe botyetyiswa ngalo. Zakuphel’ iimfazwe […]

Siyaqubuda

Siyaqubuda kuwe Thixo sithobe phambi kwakho wena uhlala kunye nathi ngesidlo osinike sona ndiyabulela Nkosi yam yimini yokonwaba le! nangona ndingumoni nje akudelang’ uphahla lwam. Kubonakal’ isonka sodwa kodwa x’ usiqhekezayo ayavulek’ amehlo ethu sikholwe ngumyalelo wakho ndiyabulela Nkosi yam yimini yokonwaba […]

Zonk’ iilwimi

Zonk’ iilwimi zamakholwa mazincom’ iSakramente akhoyo kuy’ uMsindisi owahlatywa ngenxa yethu waphalaz’ igazi lakhe ebonis’ uthando kwakhe. Weza ngaye uMariya owamzala ngobunyulu wahamba ke emhlabeni ehlwayel’ ilizwi lakhe wabuncam’ ubomi bakhe ngokumangalisayo. Kwisidlo sokugqibela wayehleli nabanyulwa wadl’ idini lePasika ngokugcin’ umthetho omtsha […]

Zisixhenx’ iSakramente

Zisixhenx’ iSakramente zidaliwe nguMsindisi yimithombo yosindiso hamb’ ukh’ ufefe kuyo. Umphefumlo uyahlanjwa ngamanzi omphehlelelo ungeniswa eBandleni kul’ usapho lukaThixo. Ngomqinis’ uyomelezwa uzoyise zonk’ iintshaba uzuvum’ ukholo lwakho ungoyik’ iintshutshiso. Ngokwamkel’ uMthendeleko samkela uYesu kanye ukukutya okumnandi uqabula iintliziyo. Xa sithe sawa esonweni […]

NgePasika ekuseni

NgePasika ekuseni kuvala isithonga uyavuka uMsindisi ushiya ingcwaba lakhe Yesu Nkosi Msindisi uvukile ekufeni sikhumbule thina bakho usisikelele sonke. Nants’ isihla ingelosi ikhazimla njengelanga iliqengqa eli litye ebelivale ingcwaba Yesu Nkosi Msindisi uvukile ekufeni sikhumbule thina bakho usisikelele sonke. Abalindi nabo bekho […]

Ngena Moya oyingcwele

Ngena Moya oyingcwele wakh’ entliziyweni yam Ndiphe ubulumko kanye ndinxanel’okukaThixo ngena Moya oyingcwele. Ngena Moya oyingcwele wakh’ entliziyweni yam ndiqondise inyaniso namacebo akho onke ngena Moya oyingcwele. Ngena Moya oyingcwele wakh’ entliziyweni yam ndiyacela ndicebise ndiyoyis’ inkohlakalo ngena Moya oyingcwele. Ngena Moya […]

Yiza Yesu

Yiza Yesu, Thixo wethu apha eBandleni lakho asinakuphila thina wen’ ungekho Nkosi yethu. Yiza Yesu, Nkosi yethu usidibanise sonke side simanyane sonke sihlalisane ngoxolo. Wena mthombo wobungcwele singcwalise thina boni Wena Sonka sabahambi siph’amandla, someleze.

Ah Yesu Msindisi

Ah Yesu Msindisi uzile kum namhlanje uhleli kum ndikuwe mandive izwi lakho. INkosi yezulu kumon’ emhlabeni ngummangaliso kanye uthando olungaka. Isonka seNkosi kukutya komkhonzi nakuba ndilihlwempu ndineento zonke ngawe. Lo mzimba kaYesu ngumthombo woxolo Mandibe nolo xolo noThixo kwanabantu. Iintsizi neentlungu zininzi […]

Bawo wethu

Bawo weth’ osezulwini UyiNkosi emhlabeni kuyalawulwa nguwe konke singabakho thina sonke malaziw’ igama lakho maliphathwe ngobungcwele mawubongwe ngumntu wonke wena Mdali weento zonke. Mabuz’ ubukhosi bakho luze kukh’ ufefe lwakho singenwe or lulo sonke size kukhonze ngalo mayenziw’ intando yakho kuwo wonk’umhlaba […]